20 UEli wayemthamsanqelisa uElikana nomkakhe uHana, athi: “Ubenga uNdikhoyo angenza lo mfazi akuzalele abanye abantwana endaweni yalo wamcelayo waza wamnikela kuye,” baze ke emva koko bagoduke.
21 UNdikhoyo ngenene wamvelela uHana, waza wamitha, wazala abanye oonyana abathathu kunye neentombi ezimbini. Yona inkwenkwe uSamweli yakhulela kwaNdikhoyo.
22 UEli ngeli xesha wayeselaluphele mpela. Wayesoloko esiva ngemikhwa emibi yoonyana bakhe kumaSirayeli. Wayiva nento yokuba babelala abafazi ababekhonza ngasemasangweni enkundla *yesibingelelo *sikaNdikhoyo.
23 Wabakhalimela wathi: “Yeyantoni le ntlondi niyenzayo ebaliswa ngabantu bonke!
24 Hayi, bantwana bam, imbi le nto endiyiva ithethwa ngani ngabantu bakaNdikhoyo!
25 Kaloku umntu one omnye umntu angathethelelwa phambi koThixo; angalanyulelwa kanjani ke xa one uNdikhoyo ngokwakhe?”Ke bona oonyana bakhe abazange bamhoye, naye uNdikhoyo wayeselezimisele ukubatshabalalisa.
26 Ke yena uSamweli wakhula ngesithomo, ebabalwa nguNdikhoyo, ethandwa nangabantu.