9 Wathi uEli kuye: “Hamba wena, yiya kulala. Xa ubuye weva ubizwa, uze uthi: ‘Thetha, Ndikhoyo; isicaka sakho siphulapule.’ ” Waya kulala ke uSamweli emandlalweni wakhe.
10 Waza uNdikhoyo weza wema apho, wabiza kwakhona esithi: “Samweli! Samweli!”Wasabela uSamweli wathi: “Thetha; siphulaphule isicaka sakho.”
11 Wathi ke uNdikhoyo kuSamweli: “Uyabona, ndiza kwenza into kwaSirayeli eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva.
12 Umlomo wam ngomzi kaEli ndiza kuwufezekisa ngaloo mini, ndisuse ekuqaleni ndise esiphelweni.
13 Phofu ke sendimxelele ukuba umzi wakowabo ndiza kuwohlwaya ngokupheleleyo ngenxa yesono asaziyo soonyana bakhe. Kaloku oonyana bakhe balinyelisa igama lam, waza yena akabakhalimela.
14 Ke ngoko ndifunge ndathi kumzi kaEli: ‘Akukho dini namnikelo uya kuze ube nako ukulicamagushela ityala lakho.’ ”
15 USamweli wangqengqa kwada kwasa. Uthe akuvuka, wavula iingcango zendlu yakwaNdikhoyo. Woyika ukubalisela uEli ngombono wakhe.