25 Loo mthetho wawiswa nguDavide waba ngummiselo nesiko kwaSirayeli ukususela ngaloo mini.
26 Wathi akufika eZikelage uDavide, wathatha isabelo kuloo maxhoba, wasithumela kumadoda amakhulu angoogxa bakhe kwaJuda, esithi: “Nantso inxaxheba esinabela yona kumaxhoba esiwathimbe kubachasi bakaNdikhoyo.”
27 Wabela abantu baseBhetele, nabaseRama, kwaJuda emazantsi, nakubantu baseYatire,
28 eArohere, eSifimoti, e-Eshtemowa,
29 kunye naseRakeli. Wabela nomzi wakwaJerameli, namaKeni,
30 kwakunye nabantu baseHoma, eBhorashan, eAtaki,
31 nabaseHebron, nakuzo zonke iindawo apho wakha waxhwarha khona kunye namadoda akhe.