11 wathi: “Ukumkani oya kunilawula uya kwenjenje: Woseka umkhosi ngoonyana benu. Abanye wobenza umkhosi weenqwelo, abanye babe ngumkhosi okhwela amahashe, abanye bagijime ngaphambi kwenqwelo yakhe.
12 Abanye boba ngabaphathi-mabutho, abanye babe ngabaphathi-maqela, abanye balime amasimi akhe, bavune nokuvuna, kubekho nabo baxhonkxa izikhali zokulwa kunye nezixhobo zeenqwelo zakhe.
13 Iintombi zenu wozenza zibe ngabaqholi nabapheki nababhaki bakhe.
14 Awona mahle amasimi enu, izidiliya, namabhoma eminquma, ukumkani wowahlutha awanike amaphakathi akhe.
15 Wobiza isahlulo sesishumi sengqolowa nediliya yenu, ayinike amagosa akhe.
16 Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena.
17 Isishumi semihlambi yenu wofuna siye kuye; lilonke niya kuba zizicaka zakhe.