7 waza wathi kuye uNdikhoyo: “Bek' iindlebe uyiphulaphule into abayithethayo aba bantu. Ababukuli wena; ndim lo bangamfuniyo ukuba abalawule.
8 Okoko ndaphuma nabo eJiputa, kude kube namhlanje, basoloko bendifulathela bekhonza thixo bambi; nangoku basayenza loo nto!
9 Siphulaphule isicelo sabo, kodwa uze ubaqononondise ibacacele impatho abaya kuyifumana kwabo kumkani babafunayo.”
10 USamweli wawaxelela ke amaSirayeli awayefuna ukumkani konke okwathethwa nguNdikhoyo,
11 wathi: “Ukumkani oya kunilawula uya kwenjenje: Woseka umkhosi ngoonyana benu. Abanye wobenza umkhosi weenqwelo, abanye babe ngumkhosi okhwela amahashe, abanye bagijime ngaphambi kwenqwelo yakhe.
12 Abanye boba ngabaphathi-mabutho, abanye babe ngabaphathi-maqela, abanye balime amasimi akhe, bavune nokuvuna, kubekho nabo baxhonkxa izikhali zokulwa kunye nezixhobo zeenqwelo zakhe.
13 Iintombi zenu wozenza zibe ngabaqholi nabapheki nababhaki bakhe.