12 Bazila, balila, abatya nokutya oku kwada kwahlwa, belilela uSawule nonyana wakhe uJonatan kunye namaSirayeli, abantu *bakaNdikhoyo, ababewe ngekrele.
13 Emva koko uDavide wabuza loo mfana wayeze nezi ndaba, wathi: “Uvela phi kakade wena, mfana?”“Mna ndingunyana wendoda engumngeneleli, umAmaleki,” uphendule watsho loo mfana.
14 UDavide ke wathi: “Ngani ungoyiki ukuphakamisa isandla sakho ubulale umthanjiswa kaNdikhoyo?”
15 Waza uDavide wabhekisa kwenye yamadodana akhe, wathi: “Bulala le nto!” Loo ndodana ke imgwaze kwangoko umfana lowo, yaphel' intw' ibithethwa.
16 Wavakala uDavide esithi: “Igazi lakho malibe phezu kwentloko yakho. Urhintyelwe kwangulo mlomo wakho xa ubungqina usithi: ‘Ndimbulele umthanjiswa kaNdikhoyo.’ ”
17 Emva koko uDavide wavuma le ngoma, elilela uSawule nonyana wakhe uJonatan.
18 Wathi kufuneka bayifundiswe bonke abemi bakwaJuda, ibe yingoma yesaphetha. (Ibhalwe kwiNcwadi kaYashare.) Ithi loo ngoma: