7 Wathi akukhangela ngasemva wandibona, wandibiza, nam ke ndasabela ndathi: ‘Ndikwenzele ntoni?’
8 Wathi kum: ‘Ungubani?’ Ndathi kuye: ‘NdingumAmaleki.’
9 Uthe kum ke: ‘Sondela undigqibezele. Ubomi bam sebungamacimi-cimi, kodwa andikaphelelwa.’
10 Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”
11 Wazikrazula izambatho zakhe uDavide, enjenjalo nawo onke amadoda awayekunye naye.
12 Bazila, balila, abatya nokutya oku kwada kwahlwa, belilela uSawule nonyana wakhe uJonatan kunye namaSirayeli, abantu *bakaNdikhoyo, ababewe ngekrele.
13 Emva koko uDavide wabuza loo mfana wayeze nezi ndaba, wathi: “Uvela phi kakade wena, mfana?”“Mna ndingunyana wendoda engumngeneleli, umAmaleki,” uphendule watsho loo mfana.