11 UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.
12 Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zikaThixo. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”
13 UJowabhi namabutho akhe bafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.
14 Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wabuya ekulweni nama-Amon, waya eJerusalem nomkhosi wakhe.
15 Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli, ama-Aram aphinda aqokelelana.
16 Ukumkani uHadadizere wathi makulandwe ama-Aram angaphesheya komlambo iEfrati. Aya kuma eHelam, ekhokelwa nguShobhaki, injengele yomkhosi kakumkani uHadadizere.
17 Akuva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan, waya kutsho eHelam. Ama-Aram akha uluhlu lokulwa noDavide, zaza zanqoza.