3 Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”
4 UDavide ke wathumela izigidimi ukuba zize naye. Waziswa ke kuye, waza yena walala naye. Oku kwenzeka xa loo mfazi wayesandula ukuzihlambulula emva kokuba sexesheni. Emva koko uBhashebha wabuyela emzini wakhe.
5 Wamitha ke loo mfazi, waza wathumela kuDavide esithi: “Ndikhulelwe.”
6 UDavide usuke wathumela umyalelo kuJowabhi, wathi: “Mthumele kum apha u-Uriya umHeti.” Ke uJowabhi wamthumela kuDavide u-Uriya.
7 Akufika u-Uriya uDavide wambuza ngempilo kaJowabhi, nempilo yomkhosi, nokuba imfazwe iqhuba njani na.
8 Emva koko uDavide uthe ku-Uriya: “Hamba uye endlwini yakho, ukhe uhlambe iinyawo.” Waphuma ke u-Uriya komkhulu, kwalandela isipho esivela kukumkani, sasiwa kwakhe.
9 Akazange agoduke yena u-Uriya; wasuka waya kulala phaya ngasesangweni lakomkhulu kunye nezicaka zikakumkani.