2 Isityebi eso sasifuye iinkomo neegusha ezininzi.
3 Ihlwempu lona lalingenanto ngaphandle nje kwetakane legusha elalilithengile. Walifuyela kwakhe lo mfo elo takane, londleka, likhulela phakathi kwabantwana bakhe. Wayelifunza kokwakhe ukutya, aliseze ngendebe yakhe, alisingathe. Lalifana nqwa nentombi yakhe kuye.
4 Ngamini ithile laa mfo usisityebi wafikelwa lundwendwe. Ngenxa yomunyu lo mfo akazange athande kulihlinzela undwendwe kweyakhe imfuyo. Usuke waya kuthatha elaa takane lomfo olihlwempu, wenzela undwendwe lwakhe ngalo isidlo.”
5 UDavide wavutha ngumsindo ngakuloo ndoda akuyiva loo nto, waqokela wenjenje, ebhekisa kuNatan: “Ehleni nje uNdikhoyo, inene, loo mntu wenze into enjalo ufanelwe kukufa;
6 yaye ufanelwe kukuhlawuliswa ixabiso lelo takane ngokuphindwe kane, ngenxa yokuba enze ulunya olunje engenalo novelwano.”
7 Ke uNatan wathi kuDavide: “Loo ndoda nguwe! Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndakuthambisa, ndakwenza ukumkani wamaSirayeli, ndakuhlangula esandleni sikaSawule.
8 Ndakunika umzi wenkosi yakho, abafazi bayo ndabanikela esifubeni sakho, ndakwenza ukumkani wakwaSirayeli nakwaJuda. Kanti ke ukuba bezinganelanga ezo zinto ndakwenzela zona, bendingakongezayo.