22 Uphendule wathi: “Ewe, bendizila, ndilila ngokuya belusahleli usana, kuba bendisithi: ‘Ngubani owaziyo? Mhlawumbi uNdikhoyo angandenzela inceba, luphile olo sana.’
23 Ngoku ke usana lubhubhile; ke ndiza kuba sazilela ntoni ndingenakuluvusa nje? Ndim oza kuya apho lukhoyo; lona alunakuze luze kum.”
24 Emva koko uDavide waya kuthuthuzela umkakhe uBhashebha, walala naye. Wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi igama lakhe nguSolomon. Wayithanda loo nkwenkwana *uNdikhoyo,
25 waza wathumela *umshumayeli uNatan ukuba aye kuthi igama layo nguYedidiya ngenxa yokuthandwa kwayo nguNdikhoyo.
26 Ke kaloku uJowabhi wahlasela iRabha, ikomkhulu lama-Amon, wathimba umzi wakomkhulu.
27 Emva koko uthumele izigidimi ukuba ziye kwazisa uDavide zithi: “Ndiyihlasele iRabha, ndawathimba namadama ayo anqatyisiweyo.
28 Ngoku ke ukumkani kufuneka ahlanganise umkhosi, aze kusithatha isixeko, hleze ibe ndim osithimbayo, sibe sesam.”