23 Ngoku ke usana lubhubhile; ke ndiza kuba sazilela ntoni ndingenakuluvusa nje? Ndim oza kuya apho lukhoyo; lona alunakuze luze kum.”
24 Emva koko uDavide waya kuthuthuzela umkakhe uBhashebha, walala naye. Wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi igama lakhe nguSolomon. Wayithanda loo nkwenkwana *uNdikhoyo,
25 waza wathumela *umshumayeli uNatan ukuba aye kuthi igama layo nguYedidiya ngenxa yokuthandwa kwayo nguNdikhoyo.
26 Ke kaloku uJowabhi wahlasela iRabha, ikomkhulu lama-Amon, wathimba umzi wakomkhulu.
27 Emva koko uthumele izigidimi ukuba ziye kwazisa uDavide zithi: “Ndiyihlasele iRabha, ndawathimba namadama ayo anqatyisiweyo.
28 Ngoku ke ukumkani kufuneka ahlanganise umkhosi, aze kusithatha isixeko, hleze ibe ndim osithimbayo, sibe sesam.”
29 Wathatha wonke umkhosi wakhe ke uDavide, waya eRabha, wayihlasela, wayithimba.