4 Ngamini ithile laa mfo usisityebi wafikelwa lundwendwe. Ngenxa yomunyu lo mfo akazange athande kulihlinzela undwendwe kweyakhe imfuyo. Usuke waya kuthatha elaa takane lomfo olihlwempu, wenzela undwendwe lwakhe ngalo isidlo.”
5 UDavide wavutha ngumsindo ngakuloo ndoda akuyiva loo nto, waqokela wenjenje, ebhekisa kuNatan: “Ehleni nje uNdikhoyo, inene, loo mntu wenze into enjalo ufanelwe kukufa;
6 yaye ufanelwe kukuhlawuliswa ixabiso lelo takane ngokuphindwe kane, ngenxa yokuba enze ulunya olunje engenalo novelwano.”
7 Ke uNatan wathi kuDavide: “Loo ndoda nguwe! Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndakuthambisa, ndakwenza ukumkani wamaSirayeli, ndakuhlangula esandleni sikaSawule.
8 Ndakunika umzi wenkosi yakho, abafazi bayo ndabanikela esifubeni sakho, ndakwenza ukumkani wakwaSirayeli nakwaJuda. Kanti ke ukuba bezinganelanga ezo zinto ndakwenzela zona, bendingakongezayo.
9 Khawutsho, ngani ukuba ulidele ilizwi likaNdikhoyo, khon' ukuze wenze okubi emehlweni akhe? U-Uriya umHeti umbulele ngekrele, wathatha umkakhe, wamenza umkakho. Ewe, umbulalise ngekrele lama-Amon.
10 Kungokunje ikrele alisobe liphele ukudla kulo mzi wakho, kuba undidelile wada wathatha nomka-Uriya umHeti wamenza umfazi wakho.’