15 Into endizise kuwe, mhlekazi, ngabantu abandisongelayo; ndiziswe lithemba lokuba uya kundenzela loo nto ndiyicelayo kuwe.
16 Bendisazi ukuba uya kundiva, mhlekazi, undihlangule kunye nomntwana wam kubantu abafuna ukusicima singabikho phakathi kwabantu abemi kumhlaba abawunikwa nguThixo ukuze ube lilifa lethu.
17 “Bendisazi ukuba uya kuthetha nje kutsho kuphele amaxhala kum, kuba wena, mhlekazi, uyakwazi ukwahlula okuhle kokubi kanye njengesithunywa sikaThixo. Wanga ke uNdikhoyo uThixo wakho angaba nawe.”
18 Kwesi sithuba ukumkani uphendule lo mfazi wathi: “Ndinombuzo endinawo; uze ungakhe ulinge undifihlele impendulo.”“Mhlekazi, ungandibuza nantoni na,” utshilo loo mfazi.
19 Ukumkani wathi: “Asikho na isandla sikaJowabhi kule nto?”Umfazi waphendula wathi: “Ngenene, ukho nje, mhlekazi nkosi yam, uchane ucwethe; okuthethileyo kunjalo; ewe, liphakathi lakho uJowabhi lo undihlohle la mazwi.
20 Kambe le nto isicaka sakho uJowabhi uyenze ngeenjongo zokulungisa. Hayi, ndincamile, mhlekazi; ulwazi lwakho lufana nolwesithunywa sikaThixo, sona sazi konke okwenzekayo elizweni.”
21 Emva koko ke ukumkani uDavide ubhekise kuJowabhi wathi: “Kulungile ke, ndiya kukhululela; hamba uye kumlanda laa mfana uAbhasalom.”