7 Ngoku ke, mhlekazi, abantu basemzini wam bonke bandivukele besithi: ‘Mnikezele lo ubulele umntakwabo, khon' ukuze sibuyekeze ukufa komntakwabo lo ambuleleyo, kungabi sabakho ndlalifa.’ Ewe, bafuna ukuyicima igama impunde ebesendijonge ukuba yiyo eya kuvusa igama likayise, ivuse nomzi wakowayo.”
8 “Kulungile, ungagoduka, ndiza kunika umyalelo ngokubhekiselele kuwo lo mcimbi,” utshilo ukumkani kuloo mfazi.
9 “Mhlekazi, nkosi yam, mayibe ndim kunye nabantu bakowethu abathwele ityala ngale nto; yena ukumkani kunye nolawulo lwakhe makabe msulwa,” uqokele watsho loo mfazi waseTekowa.
10 Ukumkani wathi: “Umntu ophinde wakuthethisa uze uze naye apha kum; akasobe aphinde akuthi cha kwakhona.”
11 Umfazi lowo wathi: “Nceda, mhlekazi, uthandaze *kuNdikhoyo uThixo wakho ukuba abaphindezeli bangambulali umntwana wam, ndize ndisale ndingenanyana.”Yena wathi: “Ehleli nje uNdikhoyo, akukho bani uya kumthi cha nakancinane unyana wakho!”
12 Umfazi wathi: “Mhlekazi, nceda usivumele isicakakazi sakho, sibe nelizwi esilibhekisa kuwe.”“Ewe, thetha,” utshilo ukumkani.
13 Wathi ke loo mfazi: “Ke, mhlekazi, uyenzeleni into efana nale kangaka kubantu bakaThixo? Kaloku, mhlekazi, uzigweba ngokwakho ngale ntetho yakho, kuba kwawena akuvumi abuyele ekhaya unyana wakho obhacileyo.