23 Kwahlokoma ilizwe sisikhalo ekumkeni kukaDavide nabantu bakhe. Wenjenjeya ukumkani ukuya kuwela umlanjana iKedron, elandelwa ngabantu bonke, baya kutsho entlango.
24 Wayelapho phakathi kwabo uZadoki umbingeleli, ekunye nabaLevi, bethwele ityesi yomnqophiso kaThixo. Bayibeka phantsi ngakuAbhiyatare, bayilinda kwada kwaphuma wonke umntu esixekweni.
25 Emva koko wathi kuZadoki ukumkani: “Le tyesi kaThixo yibuyisele kwasesixekweni. Ukuba uNdikhoyo undigcinile ndobuya ndiyibone kwakhona isendaweni yayo.
26 Kodwa ke ukuba uNdikhoyo uthe kum: ‘Andaneliseki nguwe,’ ndim lo, makandenze loo nto ikholekileyo emehlweni akhe.”
27 Uqhube wenjenje ukumkani ebhekisa kuZadoki umbingeleli: “Uyayibona imeko, wena ungahamba ngoku, ubuyele esixekweni kunye noAbhiyatare, nihambe kunye nâbo bafana babini, lowo wakho uAhimazi kunye noJonatan unyana ka-Abhiyatare.
28 Uyabona, mna ndiya kulinda phaya emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuwe lokundazisa.”
29 Ke uZadoki noAbhiyatare babuyela eJerusalem, bethwele ityesi yomnqophiso, baza bahlala apho.