17 Wayehamba newaka lamadoda esizwe sakwaBhenjamin. UZibha, isicaka sakwakumkani uSawule, naye wayeze noonyana bakhe bolishumi linantlanu kunye namashumi amabini ezicaka, bakhawuleza bafika eJordan apho engekafiki ukumkani.
18 Bawuwela umlambo ukuya kuphuthuma iqela likakumkani, bancede nakuloo nto ukumkani afuna yenziwe.Kuthe xa ukumkani ezilungiselela ukuwela iJordan, weza uShimeyi, wazikhahlela phambi kwakhe,
19 wathi: “Mhlekazi, ndixolele into endakwenza yona ngamhla uyishiya iJerusalem. Musukuba sandixhiba, ungabi sayicinga konke loo nto.
20 Ndiyazi ukuba ndakona, mhlekazi. Yiyo ke loo nto ndingowokuqala kwindlu kaJosefu ukuza kufika apha, ndikukhawulele namhlanje.”
21 Kwathetha uAbhishayi, unyana kaZeruya, wathi: “Makabulawe uShimeyi lo ngokuqalekisa umthanjiswa *kaNdikhoyo.”
22 UDavide wathi: “Yintoni endidibanisa nani, bonyana bakaZeruya? Kutheni le nto nifana neentshaba kum namhlanje? Kaloku ndim ngoku ukumkani wakwaSirayeli; ngoko ke akukho mSirayeli uya kubulawa namhlanje.”
23 Uqhube wathi ebhekisa kuShimeyi: “Akuyi kufa.” Waza ke ukumkani wathembisa oku ngesifungo.