23 Uqhube wathi ebhekisa kuShimeyi: “Akuyi kufa.” Waza ke ukumkani wathembisa oku ngesifungo.
24 Kufike uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, naye eze kukhawulela ukumkani. Wayengazange azihlambe iinyawo, achebe amabhovu, nezambatho sezawagqibela kudala amanzi, okoko wemkayo eJerusalem uDavide kude kuze kuba yile mini abuya noloyiso.
25 Uthe akufika evela eJerusalem, wathi kuye ukumkani: “Mefibhoshete, kwakutheni ukuze ungahambi nam?”
26 Uphendule ngelithi uMefibhoshete: “Mhlekazi, nkosi yam, uyazi ukuba ndisisiqhwala. Ndathi isicaka sam uZibha masibophe idonki ndihambe ngayo ndikukhaphe, kodwa sona sasuka sandiphoxa.
27 Saza kuxoka ngam kuwe, mhlekazi. Kambe ke wena mhlekazi, nkosi yam, usisithunywa sikaThixo – yenza loo nto ubona ifanele.
28 Kwathi umzi kabawo umelwe kukubulawa, wena wathi mandiye kuhlala kwakho. Andisenako nokuba ndibe sacela isisa kuwe ngoku, mhlekazi.”
29 Ukumkani wathi kuye: “Musa ukuba sathetha; ndigqibe kwelokuba wena noZibha nahlulelane ngomhlaba kaSawule.”