23 Kodwa wala uAsayeli. Usuke uAbhinere wabinza ngasemva, wamthi gobho esiswini ngomkhonto, watsho waya kugqobhozela emqolo loo mkhonto. Wajuba wawa uAsayeli, wafela kuloo ndawo. Wonke umntu osondela kuloo ndawo wayefele kuyo uAsayeli, wayefika eme nematha.
24 Kwasuka uJowabhi noAbhishayi, bamsukela uAbhinere. Kuthe kwakuhlwa bafika endulini yaseAma ekhangelene neGiya kuloo ndlela ibheka kwinkangala yaseGibheyon.
25 Amadoda akwaBhenjamin ahlanganisana, azibandakanya noAbhinere, ema ndawonye phezu kwenduli.
26 UAbhinere wamemeza wathi kuJowabhi: “Mfondini, liya kudla kude kube nini na ikrele? Akuqondi na wena ukuba le nto iza kugqibela sekukho intiyo phakathi kwethu, ukanti ningabantakwethu? Nakuyeka nini kodwa ukusukelana nathi?”
27 Uphendule ngelithi uJowabhi: “Ekho nje uThixo, inene, ukuba ubungathethanga besiza kunileqa kude kuse.”
28 Wavuthela isigodlo sakhe emva koko uJowabhi, exelela amadoda akhe ukuba ayeke ukuwasukela amaSirayeli. Waphela ke njalo umlo.
29 UAbhinere namadoda akhe bahamba ubusuku bonke, betyhutyha loo ntili yaseJordan. Bayiwela ngengomso iJordan, sebehambe intsasa yonke, baya kugaleleka eMahanayim.