28 Wavuthela isigodlo sakhe emva koko uJowabhi, exelela amadoda akhe ukuba ayeke ukuwasukela amaSirayeli. Waphela ke njalo umlo.
29 UAbhinere namadoda akhe bahamba ubusuku bonke, betyhutyha loo ntili yaseJordan. Bayiwela ngengomso iJordan, sebehambe intsasa yonke, baya kugaleleka eMahanayim.
30 Uthe akuwaqokelela amadoda akhe uJowabhi, emva kokusukela amaSirayeli, kwafumaneka kulahleke ishumi elinethoba lamadoda ngaphandle kuka-Asayeli.
31 Iqela likaDavide lona labulala amakhulu amathathu namashumi amathandathu kumadoda akwaBhenjamin awayenoAbhinere.
32 UJowabhi namadoda akhe bawuthatha umzimba ka-Asayeli, baya kuwungcwabela eBhetelehem kumangcwaba akowabo. Emva koko bahamba ubusuku bonke, bada baya kutsho eHebron xa kumpondo zankomo ngengomso.