9 Wafika apho uAbhinere wamisela uIshbhoshete waba ngukumkani ophethe imimandla yaseGiliyadi, kwa-Ashere, eYizereli, kwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nditsho elakwaSirayeli liphela.
10 Waba ngukumkani xa emashumi mane ubudala uIshbhoshete unyana kaSawule, walawula iminyaka yamibini.Isizwe sakwaJuda sona sasiphantsi kukaDavide.
11 Wasilawula ehlala eHebron iminyaka yaba sixhenxe neenyanga ezintandathu.
12 Kwasuka uAbhinere eMahanayim, ehamba namaphakathi kaIshbhoshete, baya kwidolophu iGibheyon.
13 Ngasechibini laseGibheyon bahlangana noJowabhi, owayezalwa nguZeruya. UJowabhi wayehamba namanye amaphakathi kaDavide. Bahlala phantsi bonke, elinye iqela likweli cala lechibi, elinye likweliya.
14 Wavakala uAbhinere esithi kuJowabhi: “Makhe sithelekise abafana, bakhuphisane ngokulwa sibukele.”UJowabhi wathi: “Kulungile, mabenze!”
15 Kwasuka ishumi elinambini labafana limele uIshbhoshete unyana kaSawule ngakwicala lakwaBhenjamin, baqubisana neshumi elinambini labafana becala likaDavide.