9 UJowabhi wathi kuAmasa: “Uphila njani, mfo wethu?” Wamthi nqaku ngentshebe uAmasa ngesokunene isandla sakhe, eza kumanga.
10 UAmasa wayengalilumkelanga ikrele elalisesandleni sikaJowabhi, wamhlaba ngalo esiswini, wamkhupha amathumbu. Wafa kwangoko, akwafuneka ukuba abuye amhlabe uJowabhi.Basuka apho uJowabhi nomntakwabo uAbhishayi bangena endleleni, belandela uShebha unyana kaBhikri.
11 Enye kulaa madoda ayehamba noJowabhi yasala imi ngakweso sidumbu sika-Amasa, ikhwaza isithi: “Indoda engakwicala likaJowabhi noDavide mayilandele uJowabhi.”
12 Isidumbu sika-Amasa esasilijaja ligazi sasiqungquluze phakathi endleleni. Loo ndoda yathi yakubona amadoda afika eme apho, yasirhuqela entsimini eso sidumbu, yasigquma ngengubo.
13 Emva koko ke wonke umntu walandela uJowabhi, kuzingelwa uShebha unyana kaBhikri.
14 UShebha wawutyhutyha wonke ummandla wezizwe zakwaSirayeli, wada waya kutsho kwidolophu iAbhele-bhete-mahaka, elandelwa nguwo wonke umzi wakwaBhikri.
15 UJowabhi nomkhosi wakhe bamngqinga uShebha apho eAbhele-bhete-mahaka. Benza amanqwanqwa ngomhlaba okuqabela udonga lwangaphandle, bemba ngaphantsi kodonga, befuna ukuluwisa.