10 kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.
11 Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli,
12 wema yena uShama, walwa ekhusela loo ntsimi, afa amaFilistiya, watshatshela uNdikhoyo.
13 Kwakha kwathi kanye xa kusondela ixesha lokuvuna, kwasuka isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide, saya kuye kumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise ngakwintili yamaRafa.
14 Ngelo xesha uDavide wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem.
15 UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”
16 Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni eBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi: