3 Ke yena uJowabhi wathi kukumkani: “Ngamana uNdikhoyo uThixo wakho wabandisa kalikhulu abantu, aze amehlo enkosi yam ukumkani ayibone loo nto. Kodwa ke, nkosi yam mhlekazi, ngani ukuba ufune ukwenza into enje?”
4 Kambe ke ilizwi likakumkani laboyisa ooJowabhi nabaphathi-mkhosi, baza ke bahamba bamshiya ukumkani, baya kubala uluntu lwakwaSirayeli.
5 Bawuwela umlambo iJordan, baya kuqalisa emazantsi eArohere kwisixeko esasisembindini wentlambo kummandla wakwaGati. Besuka apho baya emantla weYazere,
6 bedlulela eGiliyadi nakummandla waseTatim-hodeshe, baya kutsho kwaDan-yahan, benjenjeya ukusa eSidon.
7 Besuka apho bajonga emazantsi kwidolophu yaseTire eyayinqatyisiwe, baya badlulela nakuzo zonke iidolophu zamaHivi namaKanana, baya kugqibela ngeBheshebha ekumzantsi welakwaJuda.
8 Babuyela eJerusalem emva kweenyanga ezilithoba namashumi amabini eentsuku, sele belityhutyhile lonke elo lizwe.
9 UJowabhi ke wamchazela ukumkani inani lamadoda akulungeleyo ukubhaliswa emkhosini. KwaSirayeli yaba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwaza kwaJuda yaba ngamakhulu amahlanu amawaka.