4 Kambe ke ilizwi likakumkani laboyisa ooJowabhi nabaphathi-mkhosi, baza ke bahamba bamshiya ukumkani, baya kubala uluntu lwakwaSirayeli.
5 Bawuwela umlambo iJordan, baya kuqalisa emazantsi eArohere kwisixeko esasisembindini wentlambo kummandla wakwaGati. Besuka apho baya emantla weYazere,
6 bedlulela eGiliyadi nakummandla waseTatim-hodeshe, baya kutsho kwaDan-yahan, benjenjeya ukusa eSidon.
7 Besuka apho bajonga emazantsi kwidolophu yaseTire eyayinqatyisiwe, baya badlulela nakuzo zonke iidolophu zamaHivi namaKanana, baya kugqibela ngeBheshebha ekumzantsi welakwaJuda.
8 Babuyela eJerusalem emva kweenyanga ezilithoba namashumi amabini eentsuku, sele belityhutyhile lonke elo lizwe.
9 UJowabhi ke wamchazela ukumkani inani lamadoda akulungeleyo ukubhaliswa emkhosini. KwaSirayeli yaba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwaza kwaJuda yaba ngamakhulu amahlanu amawaka.
10 Kusuke kwathi akuba elwenzile olo balo uDavide wangenwa kukuba nomva-ndedwa. Waza ke wazibika kuNdikhoyo wathi: “Ndenze into embi gqitha ngesi senzo, Ndikhoyo. Ngoko ke ndiyakubongoza, bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”