7 Besuka apho bajonga emazantsi kwidolophu yaseTire eyayinqatyisiwe, baya badlulela nakuzo zonke iidolophu zamaHivi namaKanana, baya kugqibela ngeBheshebha ekumzantsi welakwaJuda.
8 Babuyela eJerusalem emva kweenyanga ezilithoba namashumi amabini eentsuku, sele belityhutyhile lonke elo lizwe.
9 UJowabhi ke wamchazela ukumkani inani lamadoda akulungeleyo ukubhaliswa emkhosini. KwaSirayeli yaba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwaza kwaJuda yaba ngamakhulu amahlanu amawaka.
10 Kusuke kwathi akuba elwenzile olo balo uDavide wangenwa kukuba nomva-ndedwa. Waza ke wazibika kuNdikhoyo wathi: “Ndenze into embi gqitha ngesi senzo, Ndikhoyo. Ngoko ke ndiyakubongoza, bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”
11 Ekuvukeni kukaDavide ngentsasa elandelayo ilizwi likaNdikhoyo laliselifikile *kumshumayeli uGadi, imboni kaDavide, lisithi:
12 “Hamba uye kuthi kuDavide: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndikubekela izinto ezintathu. Khetha ibe nye kuzo, ndize ke mna ndikwenze loo nto.’ ”
13 UGadi ke waya kuDavide, wafika wamxelela esithi: “Khetha phakathi kweminyaka esixhenxe yendlala ezweni lakho, okanye iinyanga ezintathu ubalekana neentshaba zakho xa zona zikusukela, okanye iintsuku ezintathu kukho isibetho sikabhubhani ezweni lakho. Cingisisa ugqibe, undinike impendulo emandiyise kulowo undithumileyo.”