11 Akabuyanga awuvule owakhe umlomo uIshbhoshete, kuba wayemoyika uAbhinere.
12 UAbhinere wathumela izigidimi kuDavide ukumthethela, esithi: “Hi bethu, ngaba lelikabani na eli lizwe? Ukuba thina sithe senza imvumelwano, ndokunceda, amaSirayeli onke ndiwagayele kwicala lakho.”
13 UDavide wathi: “Kulungile, kodwa ndosenza nawe isivumelwano kuphela ngaphantsi kwalo mqathango: kufuneka uze apha kum noMikali intombi kaSawule.”
14 Emva koko uDavide uthumele isigidimi kuIshbhoshete unyana kaSawule, wathi: “Ndikhululele umkam endamlobola ngamajwabu amaFilistiya alikhulu.”
15 UIshbhoshete wathi makaye kulandwa uMikali kwaPaltiyeli unyana kaLayishe, umyeni wakhe wesibini.
16 Suka uPaltiyeli walandela umfazi, ehamba elila njalo ukuya kutsho eBhawurim. Wathi kuye uAbhinere: “Jika! Uya phi?” Wajika wagoduka uPaltiyeli.
17 Ke kaloku uAbhinere wabhekisa kumadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi: “Kudala ninqwenela ukulawulwa nguDavide.