2 EHebron uDavide wazala oonyana. Izibulo yayinguAmnon, ezalwa nguAhinowam waseYizereli;
3 kuze owesibini uKiliyabhu, ezalwa nguAbhigeli umhlolokazi owashiywa nguNabhali waseKarmele; ibe nguAbhasalom owesithathu, owayezelwe nguMahaka intombi kaTalemayi ukumkani waseGeshuri;
4 kulandele owesine uAdoniya, ezalwa nguHagiti; kuze owesihlanu uShefatiya, ezalwa nguAbhitali;
5 kugqibele owesithandathu uItram, owazalwa nguEgla umka-Davide. Ngabo abo ke oonyana uDavide awabazala eHebron.
6 Ngexesha kuliwayo yile mizi mibini, okaSawule nokaDavide, kwicala likaSawule uAbhinere wayezandisela iwonga.
7 Ke kaloku uSawule wayenenkazana enguRizpa intombi ka-Aya, kwaza ngenye imini unyana kaSawule uIshbhoshete wathi kuAbhinere: “Yini na ukuba ulale nenkazana kabawo?”
8 Wangcangcazela ngumsindo uAbhinere ngenxa yala mazwi kaIshbhoshete, waza wathi: “Hi, mfondini, undenza inja kwaJuda! Uthi ingandim ojikela uSawule ngasemva? Unanamhla oku umzi kaSawule, uyihlo, ndisathembekile kuwo, kubantakwabo, nakumahlakani akhe; andikawungcatshi kuDavide, kodwa naku wena namhla undityhola ngomntu obhinqileyo!