28 Luthe lakufika ezindlebeni zikaDavide udaba lokugwintwa kuka-Abhinere, wavakala esithi: “Mna kunye nabantu abaphantsi kwam simsulwa kubugebenga obenziwe kuAbhinere unyana kaNere, nkqu *uNdikhoyo uyayazi loo nto.
29 Isiqalekiso sale ntlekele masihlele uJowabhi nomzi wakowabo. Makusoloko kukho umntu onegcushuwa, iqhenqa, osimelela ngenduku, okanye owa edabini, nesilambi.”
30 Kwaba njalo ke ukuphindezela ukufa kuka-Asayeli edabini laseGibheyon. Kwaphindezelwa nguJowabhi kunye nomntakwabo uAbhishayi.
31 Emva koko uDavide wathi kuJowabhi kwakunye nabantu bonke ababenaye: “Zikrazuleni izambatho zenu, ninxibe amarhonya, nimzilele uAbhinere.”Kumngcelele womngcwabo ukumkani uDavide ngenkqu wayelandela idlaka.
32 Wangcwatyelwa eHebron uAbhinere. Ukumkani walila ezimathontsi apho engcwabeni lika-Abhinere, batsho bonke abantu balila nabo.
33 Kuloo mngcwabo ka-Abhinere ukumkani uDavide wavuma ingoma yesililo ethi:“Yini na ukuwa njengesidenge, Abhinere?
34 Izandla zakho bezingabotshwanga;iinyawo zakho bezingaqanyangelwanga.Kum ingathi uwiswe bubugwinta bamatshijolo.”Baqala emva ukugixa abantu.