33 Kuloo mngcwabo ka-Abhinere ukumkani uDavide wavuma ingoma yesililo ethi:“Yini na ukuwa njengesidenge, Abhinere?
34 Izandla zakho bezingabotshwanga;iinyawo zakho bezingaqanyangelwanga.Kum ingathi uwiswe bubugwinta bamatshijolo.”Baqala emva ukugixa abantu.
35 Bonke abantu babemcenga yonke loo mini uDavide, ukuba kubekho into ayityayo, kodwa uDavide wafunga esithi: “Makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndangcamla isonka nokuba yiyiphi na enye into etyiwayo.”
36 Abantu baba nomgqalisela ngale nto, yabakholisa; ewe, yonke into awayenzayo ukumkani yabakholisa.
37 Kwacaca ngaloo mini kumaSirayeli ephela ukuba ukumkani wayengazani konke nokufa kuka-Abhinere unyana kaNere.
38 Wavakala ukumkani ebhekisa kumaphakathi akhe esithi: “Niyaqonda phofu ukuba yinkokheli kwanengangalala le iwileyo namhlanje kwaSirayeli?
39 Ndiziva ndityhafile mna namhlanje, ngoku kanye ndingukumkani othanjisiweyo. Aba bafo bangoonyana bakaZeruya baziindlongo-ndlongo, mna bayandixaka. Akwaba uNdikhoyo angamohlwaya umenzi wobubi ngendlela emfaneleyo.”