5 kugqibele owesithandathu uItram, owazalwa nguEgla umka-Davide. Ngabo abo ke oonyana uDavide awabazala eHebron.
6 Ngexesha kuliwayo yile mizi mibini, okaSawule nokaDavide, kwicala likaSawule uAbhinere wayezandisela iwonga.
7 Ke kaloku uSawule wayenenkazana enguRizpa intombi ka-Aya, kwaza ngenye imini unyana kaSawule uIshbhoshete wathi kuAbhinere: “Yini na ukuba ulale nenkazana kabawo?”
8 Wangcangcazela ngumsindo uAbhinere ngenxa yala mazwi kaIshbhoshete, waza wathi: “Hi, mfondini, undenza inja kwaJuda! Uthi ingandim ojikela uSawule ngasemva? Unanamhla oku umzi kaSawule, uyihlo, ndisathembekile kuwo, kubantakwabo, nakumahlakani akhe; andikawungcatshi kuDavide, kodwa naku wena namhla undityhola ngomntu obhinqileyo!
9 Inene, makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba andimncedisi uDavide ekuzuzeni izinto ezathenjiswa *nguNdikhoyo kuye!
10 Ndiza kumncedisa ukuhlutha ulawulo kwindlu kaSawule, kungene uDavide esihlalweni, alawule kwaSirayeli nakwaJuda, ukususela kwaDan kuse eBheshebha.”
11 Akabuyanga awuvule owakhe umlomo uIshbhoshete, kuba wayemoyika uAbhinere.