16 Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”
17 Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.
18 Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?
19 Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?
20 “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Nkosi yam Ndikhoyo? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho.
21 Ngenxa yelizwi lakho nangokokuthanda kwakho wenze le nto inkulu kangaka, ngenxa yesithembiso nobubele bakho, waza wayazisa kwisicaka sakho.
22 “Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.