10 Nguwe ke kunye noonyana bakho nezicaka zakwakho abaza kusebenza kulaa mhlaba wenkosi yakho uSawule, nilimele usapho lwakhe, nilondle ngaloo ndlela. Yena ke uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, wohlala esitya isonka etafileni yam.” Wayeneshumi elinesihlanu loonyana uZibha, kunye namashumi amabini ezicaka.
11 UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani.
12 Wayenomntwana oyinkwenkwe uMefibhoshete, ogama linguMika. Bonke abantu ababehlala kwaZibha baba zizicaka zikaMefibhoshete.
13 Yena uMefibhoshete wayehlala eJerusalem, esitya njalo kwitafile kakumkani. Wayelimele kuzo zombini iinyawo.