1 Akuba engasekho uYoshuwa, amaSirayeli abuzisa *kuNdikhoyo, athi: “Ngubani onokusikhokela ukuya kuhlasela amaKanana?”
2 Ke yena waphendula wathi: “Mayibe nguJuda; ndiwunikele esandleni sakhe loo mhlaba.”
3 Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon.
4 Bahlasela ke abendlu kaJuda, uNdikhoyo wawanikela ezandleni zabo amaKanana namaPerezi, baza babulala ishumi lamawaka eBhezeki.