1 Akuba engasekho uYoshuwa, amaSirayeli abuzisa *kuNdikhoyo, athi: “Ngubani onokusikhokela ukuya kuhlasela amaKanana?”
2 Ke yena waphendula wathi: “Mayibe nguJuda; ndiwunikele esandleni sakhe loo mhlaba.”
3 Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon.
4 Bahlasela ke abendlu kaJuda, uNdikhoyo wawanikela ezandleni zabo amaKanana namaPerezi, baza babulala ishumi lamawaka eBhezeki.
5 Apho ke bafumana uAdoni-bhezeki, balwa naye, bawaswantsulisa amaKanana namaPerezi.
6 Ke yena uAdoni-bhezeki wabaleka, baza bona bamsukela, bambamba, bamnqumla oobhontsi bezandla nabeenyawo.
7 UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.