24 zaza zabona indoda iphuma khona, zathi kuyo: “Sibonise indlela yokungena esixekweni. Ukuba uthe wenjenjalo asiyi kukwenzakalisa.”
25 Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela.
26 Emva koko yaya kwelamaHiti, yakha isixeko, yathi yiLuzi igama laso. Sisabizwa ngelo gama ke nangoku.
27 AmaManase zange azigxothe izizwe ezazihlala eBhete-shan, eTanaki, eDore, eIbleyam, eMegido, nakwiilali ezikufuphi nezi dolophu, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala apho.
28 Athi ke akomelela amaSirayeli azenza izicaka zawo ezo zizwe, kodwa akazigxotha.
29 NamaEfrayim zange awagxothe amaKanana awayehlala eGezere; awayeka bahlala kunye.
30 AmaZebhulon nawo zange awagxothe amaKanana awayehlala eKitron naseNalali, kodwa ahlala nawo, awenza izicaka.