7 UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.
8 Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo.
9 Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi.
10 Bahlasela namaKanana awayemi eHebron eyayibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha mandulo. Bayoyisa ke imizi yamaSheshayi, ama-Ahiman, namaTalmayi.
11 Abendlu kaJuda baya kuhlasela abantu abahlala eDebhiri, ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.
12 UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”
13 UOteniyeli, unyana kaKenazi umninawa omncinci kaKalebhi, wasithimba ke eso sixeko, waza ke uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa.