8 Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo.
9 Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi.
10 Bahlasela namaKanana awayemi eHebron eyayibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha mandulo. Bayoyisa ke imizi yamaSheshayi, ama-Ahiman, namaTalmayi.
11 Abendlu kaJuda baya kuhlasela abantu abahlala eDebhiri, ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.
12 UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”
13 UOteniyeli, unyana kaKenazi umninawa omncinci kaKalebhi, wasithimba ke eso sixeko, waza ke uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa.
14 Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wambuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”