1 Emva koAbhimeleki amaSirayeli akhululwa nguTola unyana kaPuwa umzukulwana kaDodo. Yena wayengowendlu kaIsakare, emi eShamire kweleentaba kwaEfrayim.
2 Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amabini nantathu. Akusweleka wangcwatyelwa eShamire.
3 Emva koTola kwalandela uJayire waseGiliyadi. Wayeyinkokheli kwaSirayeli amashumi amabini anambini eminyaka.
4 Wayenoonyana abangamashumi amathathu, bonke bekhwele iidonki. Babenezixeko ezimashumi mathathu kwelo laseGiliyadi; nangoku ke kusathiwa ziidolophu zikaJayire.
5 UJayire wasweleka, waza wangcwatywa eKamon.
6 Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.