28 Kambe ke ukumkani wama-Amon zange alukhathalele olu daba lukaJefta.
29 Ke uJefta wafikelwa nguMoya kaNdikhoyo. Wanqumla iGiliyadi nommandla wakwaManase, waya kutsho eMizpa eGiliyadi, waza ke waphuma apho waya kuhlasela ama-Amon.
30 UJefta wabhambathisa kuNdikhoyo wathi: “Ukuba ngenene uwanikele kum ama-Amon,
31 into yokuqala ephume endlwini yam yandihlangabeza xa ndibuya sekuluxolo iya kuba yekaNdikhoyo; ndiya kuyenza idini elitshiswayo.”
32 Ngoko ke waphuma uJefta, waya kulwa nama-Amon, waza ke uNdikhoyo wawanikela esandleni sakhe.
33 Wawavuthulula ukusuka eAruri ukuya eMiniti; yaba ngamashumi amabini ezixeko ukuya kutsho eAbhele-keramin. USirayeli wawangenela kwajub' ugodo, oyisakala ama-Amon.
34 UJefta xa abuyayo esiya kufika emzini wakhe eMizpa, yaphuma intombi yakhe, yamhlangabeza ingqiyaza, ihamba ingqungqa, idlala intambula. Yayingumntwana okukuphela kwakhe, engenanyana nantombi ngaphandle kwakhe.