36 Yathi ke yona kuyise: “Hayi, tata, xa ubumthembisile uNdikhoyo ndenze loo nto ubumthembise ukuba uya kuyenza ngam; kaloku yena ukuphumelelisile wakuphindezela ezintshabeni zakho ama-Amon.”
37 Ke yona yacela kuyise yathi: “Kambe ke, tata, ndicela le nto yodwa: Khawundiyeke iinyanga zibe mbini, khon' ukuze ndikhe ndibhadule nabalingane bam ezintabeni, ndiyizilele into yokuba ndiza kuhlala ndiyintombi.”
38 Wavuma ke uyise, yaza ke yona yemka iinyanga zambini. Yahamba nezinye iintombi ezingabalingane bayo ibhadula ezintabeni, yazilela ubuntombi bayo.
39 Zakuphela iinyanga ezimbini yabuyela kuyise, waza ke yena wenza ngokwesibhambathiso sakhe kuNdikhoyo. Ngoko ke yahlala iyintombi nto.Saqala kanjalo ke esi sithethe sakwaSirayeli
40 sokuba minyaka le iintombi zithathe iintsuku ezine zizilele intombi kaJefta waseGiliyadi.