7 Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”
8 Ke wona azibika kuye athi: “Ewe, naxa kunjalo sibhenela kuwe ngoku, kuba sifuna uhambe nathi, ulwe nama-Amon. Uya kuba yintloko yethu sonke thina maGiliyadi.”
9 UJefta ke wathi kumadoda aseGiliyadi: “Ukuba ndithe ndabuyela kuni, ndaza ngoncedo lukaNdikhoyo ndawoyisa ama-Amon, ngaba niyavuma ngenene ukuba ndibe yintloko yenu?”
10 Aphendula ke athi: “UNdikhoyo lingqina lethu. Inene, siya kwenza njengoko usitsho.”
11 Ngenene ke uJefta wagoduka nawo amadoda amakhulu aseGiliyadi, baza ke abantu bakhona bammisela waba yintloko nenjengele yabo. Ke uJefta wayivakalisa imiqathango yokuvumelana kwabo eMizpa phambi koNdikhoyo.
12 UJefta ke wathumela izigidimi kukumkani wama-Amon, ebuza esithi: “Yintoni isizekabani sokuba ulihlasele ilizwe lakowethu?”
13 Ukumkani wama-Amon waziphendula izigidimi zikaJefta, wathi: “Ngokuya amaSirayeli ayevela eJiputa athatha umhlaba wam, ukusuka kumlambo iAnoni, ukuya kwiJabhoki, kuye kuqhina ngeJordan. Wubuyiseni ke ngoku ngaphandle kokuxambulisana.”