22 UManowa ke wathetha nomkakhe, wathi: “Nakanjani na simelwe kukufa, kuba sibone uThixo!”
23 Kambe ke yena umkakhe waphendula wathi: “Ukuba uNdikhoyo ebefuna ukusibulala ngengalamkelanga idini lethu elitshiswayo nomnikelo wethu wokutya; futhi ngengasibonisanga okanye asixelele izinto ezinje.”
24 Ke kaloku umka-Manowa wafumana umntwana oyinkwenkwe, baza bayithiya igama elinguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uNdikhoyo wayithamsanqela.
25 UMoya kaNdikhoyo ke waqala ukumongamela uSamson eseMahane-dan phakathi kweZora ne-Eshtawoli.