8 Emva kwethutyana ke waya kuyithatha ibe ngumfazi wakhe. Apho endleleni ke wakha wacebuka, kuba efuna ukuqonda ngaloo ngonyama wayeyibulele. Suka ke wayifumana selilibubu leenyosi elinobusi.
9 Waphakula ubusi apho ke kuyo, wahamba ebutya; waphathela noyise nonina. Kambe ke akabaxelelanga ukuba ubusi obo ubuphakule kwisidumbu sengonyama.
10 Uyise ke waya apho ebukhozini bakhe, waza yena uSamson wenza umbhiyozo khona, njengoko elo yayilisiko ababeqhuba ngalo abafana.
11 Athe ke akumbona amaFilistiya athumela amashumi amathathu abafana ukuba abe kunye naye.
12 Ke uSamson wathi kubo: “Makhe ndinenzele iqhina. Ukuba nithe nanako ukulicombulula ngezi ntsuku zisixhenxe zomtshato, ndoninika iingubo zelinen ezimashumi mathathu, ngokunjalo nezinye iimpahla zokuhomba ezikwangako.
13 Kodwa ke ukuba anibanga nako ukulicombulula, niya kundinika amashumi amathathu eengubo zelinen, ngokunjalo nezinye iimpahla zokuhomba ezikwangako.”Ke bona bathi: “Yiza nalo sibone kaloku.”
14 Waza ke yena wathi:“Kwaphuma ukutya kotyayo,kwavela incasa konamandla.”Yada yaba ziintsuku ezintathu emva koko bengekalikhululi elo qhina.