12 Ke wona athi: “Size kukukhonkxa, ukuze sikuse kumaFilistiya.”USamson wathi: “Fungani ukuba anizi kundilimaza ngokwenu.”
13 Aphendula ke wona athi: “Hayi, nakanye; nto nje sifuna ukukukhonkxa, sikunikezele kuwo.” Ngenene ke amqamangela ngeentsontelo ezimbini ezintsha, abuya naye apho emqolombeni.
14 Uthe ke akufika eLerhi, amaFilistiya eza kuye egxalathelana ekhwaza. Ke kaloku wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, zaza ezo ntsontelo wayebotshwe ngazo iingalo nezandla zaba ngathi ngumsonto ulenywa ngumlilo, zaza zakhululeka nezandla zakhe.
15 Wafumana umhlathi wedonki owomeleleyo, wawuthi hlasi, wabulala iwaka lamadoda ngawo.
16 Wadanduluka ke wathi:“Ngomhlathi wedonki ndawatsho aqungquluza.Ndigeqe iwaka lamadoda ngomhlathi wedonki.”
17 Emva koko ke wawulahla umhlathi lowo, le ndawo yayisenzeka kuyo le nto wathi yiRamati-lerhi.
18 USamson wasuka wanxanwa gqitha, waza wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Mna sicaka sakho olu loyiso ndilufumene ngawe; ngani ke ngoku ukuba ndide ndife lunxano, ndibe sisisulu sezi ntlanga?”