14 Uthe ke akufika eLerhi, amaFilistiya eza kuye egxalathelana ekhwaza. Ke kaloku wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, zaza ezo ntsontelo wayebotshwe ngazo iingalo nezandla zaba ngathi ngumsonto ulenywa ngumlilo, zaza zakhululeka nezandla zakhe.
15 Wafumana umhlathi wedonki owomeleleyo, wawuthi hlasi, wabulala iwaka lamadoda ngawo.
16 Wadanduluka ke wathi:“Ngomhlathi wedonki ndawatsho aqungquluza.Ndigeqe iwaka lamadoda ngomhlathi wedonki.”
17 Emva koko ke wawulahla umhlathi lowo, le ndawo yayisenzeka kuyo le nto wathi yiRamati-lerhi.
18 USamson wasuka wanxanwa gqitha, waza wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Mna sicaka sakho olu loyiso ndilufumene ngawe; ngani ke ngoku ukuba ndide ndife lunxano, ndibe sisisulu sezi ntlanga?”
19 Ngoko ke uThixo wavula umngxuma emhlabeni khona apho eLerhi, kwaza ke kwaphuma amanzi. Wasela ke uSamson, abuya amandla akhe, waziva ehlaziyekile. Loo ndawo ke kwathiwa yiEn-hakore. Nangoku ke isekho apho eLerhi.
20 Yaba yiminyaka emashumi mabini uSamson ewakhokela amaSirayeli ngemihla yamaFilistiya.