22 Kambe iinwele zakhe zaphinda zakhula.
23 Izikhulu zamaFilistiya zahlanganisana zabhiyoza, zisenzela uthixo wazo uDagoni isiyikayika sedini. Zadanduluka zathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu uSamson!”
24-25 Kwathi xa kumnandi apho kwelo theko, zathi: “Yizani noSamson, eze kusonwabisa!” Bathi ke bakumkhupha uSamson entolongweni, bahlekisa ngaye, bammisa phakathi kweentsika. Abantu ke bakumbona uSamson badumisa uthixo wabo, bathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu oluzise intshabalalo kwilizwe lethu, lwabulala abantu bethu abaninzi kangaka!”
26 USamson wathetha nomfana owayemrhola, wathi: “Khawume khe ndizive iintsika zesi sakhiwo. Ndifuna ukwayama ngazo.”
27 Indlu leyo ke yayizele ngamadoda nabafazi. Zonke izikhulu zamaFilistiya zazilapho; bebonke abantu babekwisithuba samawaka amathathu, beseluphahleni, bembukele behlekisa ngoSamson.
28 Ke kaloku uSamson wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Nkosi yam, ndikhumbule; nceda, Thixo wam, khawubuyise amandla am okwesi sihlandlo nje sodwa, ukuze ndiziphindezele kumaFilistiya ngenxa yesenzo sawo sokundikhupha amehlo.”
29 Ke uSamson wafikelela kwiintsika ezisesizikithini sesakhiwo eso. Wabamba yanye ngesokunene, enye wayibamba ngesokhohlo;