5 Lo mfo unguMika ke wayenesibingelelo sakhe. Wenza imifanekiso eqingqiweyo ndawonye *nesidanga, waza wamisela omnye koonyana bakhe wangumbingeleli.
6 Ke kaloku ngelo thuba kwakungekho kumkani kwaSirayeli; umntu ngamnye wayesenza unothanda.
7 Kwangelo thuba kwakukho umfana womLevi owayehlala eBhetelehem engumngeneleli kwelakwaJuda.
8 Waphuma ke eBhetelehem, efuna indawo anokuxhwarha kuyo. Esabhadula njalo waya kugaleleka kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim.
9 UMika wambuza wathi: “Uvela phi?”Ke yena waphendula wathi: “NdingumLevi waseBhetelehem kwelakwaJuda. Ndifuna indawo endingaxhwarha kuyo.”
10 UMika wathetha naye ke, wathi: “Sowuhlala apha kum, ube ngumfundisi nombingeleli wam; ndiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva ngonyaka, ndawonye nempahla yokunxiba nokutya.”
11 UmLevi lowo ke wavumelana noMika, waza wahlala naye, waba njengonyana wakhe.