10 Nakufika khona niya kufumanisa ukuba abantu bakhona bazihlalele nje, abanaxhala lanto. Ewe, ilizwe elo lithe gabalala; mayela neentswelo zomntu kukwanto zilungile, ibe ke uThixo ulinikele kuni.”
11 Apho ke eZora nase-Eshtawoli amaDan akhupha umkhosi wamadoda angamakhulu amathandathu.
12 Enyuka aya kumisa entshona yeKiriyati-yarim kwelakwaJuda. Ngenxa yeso sizathu ke loo ndawo isabizwa ngokuba yiMarhane-dan unangoku.
13 Loo mkhosi ke waphuma apho, waya kutsho kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim.
14 Ke ezaa ntlola zintlanu zaziye kuhlola elo lizwe zada zaya kufika eLayishe, zathi kumawazo: “Ngaba benisazi na ukuba kwenye yezi zindlu kukho umfanekiso oqingqwe ngomthi watyatyekwa ngesiliva? Kukwakho nomnye umfanekiso otyhidiweyo, kunye *nemilonde-khaya, ndawonye *nesidanga. Niyayazi ke into emayenziwe!”
15 Ke kaloku zangena kwaMika, apho wayehlala khona umfana womLevi, zafika zabulisa zabuza impilo.
16 Ke wona umkhosi omakhulu mathandathu amadoda, lowa wawuxhobe waf' amacala, wawuthe xonkxosholo esangweni.