16 Bathe beselapho kwathi gqi ixhego, livela emasimini. Lalingumngeneleli apho eGibheya, kodwa inkaba yalo ikweleentaba kwaEfrayim. Phofu ke abantu balapho yayingamaBhenjamin.
17 Lathi ke lakubabona abahambi abo belapho ebaleni lembutho, labuza lathi: “Kuvelwa ngaphi, kusiyiwa phi?”
18 UmLevi uphendule wathi: “Siphuma eBhetelehem kwelakwaJuda. Ukwenjenje oku siyagoduka, siya kummandla othe qelele kweleentaba kwaEfrayim. Kambe ke akukho mntu usinika ndawo yakulala.
19 Sinako ukutya kweedonki zethu, ngokunjalo mna sicaka sakho kunye nesicakakazi sakho nomfana ohamba nathi sinaso isonka newayini. Hayi, asixakekanga kwelo cala.”
20 Ixhego ke lathi: “Namkelekile kwam; aninakude nilale apha phandle. Yizani; ndiza kunilungiselela.”
21 Lagoduka nabo ke, lazityisa iidonki zabo. Bahlamba iinyawo, baza batya basela.
22 Kwathi besonwabile apho, kwafika iindlavini ezithile, zayirhawula indlu leyo, zabetha ucango, zabhekisa kumnini-ndlu lowo zisithi: “Mkhuphe loo mfo umngenise endlwini yakho. Sifuna ukulala naye.”